Menu
Cart 0
Uthando lomzali

Uthando lomzali

  • R 84.00
  • Save R 18


Le ngcangula yegqwetha uKhuselwa ngumafungwashe nethumbu le ngqangula yegqwetha uDumile Hombile. Incutshe econdobe ngobuchule kwinkonzo yayo yobugqwetha, de yaya kusithela ingenabala ingebekwa lona. Wothuka uMgxali kukusweleka kukaDumile kuba waye ejonge ukulingcolisa igama lakhe ngenxa yomona nenko-hlakalo. UKhuselwa uqala umsebenzi wakhe wobugqwetha phantsi kotshaba lukayise uMgxali. Singqwabalala isandla sakhe kubasebenzi. Obu bungqwabalala buhonjiswe bayoko-yoko ngumona, intiyo, uchuky, inzondo, amayelenqe, inkohlakalo nokungathembakali. Zonke ke ezi zinja uVuyisa uzifunze kuKhuselwa esiqwini. Zifike zamqwenga. Uthe akubambelela kuThixo oziqu ziThathu eMnye (Amakroza ke lawundini) nakwizithethe akhuliswe ngazo kowabo, kwathi kanti uchane ucwethe ngotolo. Apha ke umbhali ubeka etshatshalazeni umongo webali lakhe ecacisa ububi obukhoyo nobusingathiswe izandla zempangelo, uthi abusayikuyoyisa inyaniso. Kaloku uThixo lo ukho nasemigqomeni yenkunkuma apho kusebenza khona abantu bakhe.

We Also Recommend