Ukufunda Kulula Grade 6: Ukuphumelela (CAPS) - (Reader)
Le ncwadi ifundisa ngesigulo esoyikwayo ngabantu abaninzi ngenxa yokuba besilela ulwazi ngaso. Umbhali usibonisa ukubaluleka kokuhloniphana, ukukhathalelana, ukungacalulani kuba kusithiwa umntu unentsholongwane kaGawulayo. Ukwafundisa ukuba abantu ziintoni ekufuneka bezenzile nekungafunekanga bezenzile xa benesi sifo. Ziintoni ekufuneka bezityile ukuze baphile ubomi obude.
Akhona amabalana abantu abanesi sifo abathi babalise amabali abo malunga neemeko abebekuzo. Eyona nto iqulathwe yile ncwadi ziingcebiso malunga nokuphila nesifo sikaGawulayo. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend