Menu
Cart 0
Ukufunda Kulula Grade 6: Ukuphelelwa lithemba ngokuzolileyo CAPS - (Reader)

Ukufunda Kulula Grade 6: Ukuphelelwa lithemba ngokuzolileyo CAPS - (Reader)

  • R 128.00
  • Save R 71


Le ncwadi ingephupha awayenalo uNombini lokuba ngumdlali ophambili weqonga. Sikwaboniswa nokuba asingabo bonke abantu abakunqwenelela izinto ezintle ebomini. Simbonile uMandisa ebonakala etyhafile engenamdla xa ebona uNombini ephumelela. Kule ncwadi sibona usapho luxhasana kuba uNombini uthi xa ebuya esikolweni engaphumelelanga kumdlalo wakhe weqonga okokuqala abonwe ngabazali bakhe ukuba ikho le nto imkhathazayo, bambize bamthethise ade achaze le nto imhluphayo.

Kulapho kanye ke usapho lwakhe luzibonakalisa khona ukuba luyakhathala lumnike nenkxaso. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.

Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.

Pearson Publisher


We Also Recommend