Ukufunda Kulula Grade 5: Ukuluma kwenyoka (CAPS)(Reader)
U-Andile uxhogwe sisikhukukazi senkukhu esifukame amaqanda emahlahleni kanti nanko yena ebuya elila egxwala ecinga ukuba ulunywe yinyoka. Kungenelele umama wakhe baya kujonga apho itshone khona ibhola, gqi ngesikhukukazi. Hayi udano olwalulapho!! Zifundele wonwabe. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend