Menu
Cart 0
Ukufunda Kulula Grade 4: Zisengozini! Iintlobo zelizwe ezisengozini (CAPS)(Reader)

Ukufunda Kulula Grade 4: Zisengozini! Iintlobo zelizwe ezisengozini (CAPS)(Reader)

  • R 108.00
  • Save R 70


Kuthethwa ngezilwanyana nezityalo ezisemngciphekweni wokutshatyalaliswa ngabantu kwihlabathi jikelele ngenxa yokungakhathalelwa kwazo. Zonke izityalo ezikuloo mngcipheko zikhankanyiwe nganye nganye ukwenzela abantu bazi kakhulu ngazo. Kananjalo, nezilwanyana ezijamelene nale ntshabalalo nazo zikhankanyiwe nganye nganye ukuze zaziwe luluntu. Abantu bonke kwilizwe jikelele bayalunyukiswa ngokukhathalela izityalo nezilwanyana ezisemngciphekweni wokutshabalala nokubhanga unaphakade kwilizwe gabalala. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.

Pearson Publisher


We Also Recommend