Sisengxakini Kulo Mzantsi Afrika (Xhosa, Paperback)
|
Njengayizolo nayizol' elinye uLubabalo kaNgewu usathe gqolo ukondla umzi kaPhalo. Kula mabalana athi, “Sisengxakini kulo Mzantsi Afrika” oka Ngewu uvelisa iingxaki, ukuntsintsitheka kwenkqubela, iimbono kunye neenyaniso ezithe zatyhileka emva kokukhululeka kwabantsundu kweloMzantsi Afrika. Uya kuvuna lukhulu ngokuntsokotha kwesimo sentlalo abaphila kuso abantu beli. OkaNgewu uphatha kuthi “Into enyekenyeke njengale ilungiswa kanjani na?” Aphathe kuthi, “Isisombululo sale meko sikubantu balapha.” Zivele ngokwakho olu ncuthu lwamabalana azotywe ngumbhali ogqwesileyo ngoburharha.
|