Ukufunda Kulula Grade 6: Umceli-mngeni wobugcisa nenkcubeko (CAPS) - (Reader)
UHlelo noKhanya abahlobo benene. UHlelo ukhathazekile kuba umama wakhe uye eJamani elixa notitshala wakhe wobugcisa emkile ukuya eMpuma-Koloni. Umdla wakhe kwezobugcisa uvuseleleke kwakufika utitshalakazi omtsha wezobugcisa esikolweni sakhe onguNomsa Radebe. UHlelo wamthanda kakhulu utitshalakazi wakhe omtsha wezobugcisa de waqhuba nomzobo wakhe wokungenelela kwezokhuphiswano lwezobugcisa. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
|
Pearson Publisher
We Also Recommend