Ukufunda Kulula Grade 6: Ukukukhumbula CAPS) - (Reader)
Le ncwadi isifundisa ngokubaluleka kwamalungelo abantwana. Umbhali athi aveze izinto ezithi zikhuphe abantwana ezindlwini baphele sele besezitalatweni, iimeko apho abantwana baphatheka kakubi bade babone kukwabhetele ukuhlala ezitalatweni nokuhlala kumakhaya abo. Ngamanye amaxesha abantwana bashiywa ngabazali bashiyeke beziinkedama kungekho mntu wokubajonga kwizizalwane.
Kwezinye iimeko aba bantwana bathi bahlale bodwa bekhuliswa ngokungathi mdala kunabanye phofu abe naye emncinci ngeminyaka yokuzalwa, esengumntwana kwayena obesafanele ukujongwa. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend