Menu
Cart 0
Ukufunda Kulula Grade 6: Intliziyo elahlekileyo CAPS - (Reader)

Ukufunda Kulula Grade 6: Intliziyo elahlekileyo CAPS - (Reader)

  • R 128.00
  • Save R 62


Le ncwadi ingenkwenkwana enguLungile. ULungile uthanda umdlalo webhola ekhatywayo, ebonakalisa ukuzimisela kodwa wadibana nentombazana enguPhakama, intliziyo yakhe yathabatheka kakhulu. Wafumana ithuba lokudanisa noPhakama ixeshana, walahlekelwa nguPhakama ngokusuka emke namanye amakhwenkwe. Wachola into eyayisemqaleni kaPhakama enophawu lwentliziyo wayigcina eza kumnika akumbona.

Wayesoloko ecinga ngendlela anokumbona ngayo uPhakama. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.

Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.

Pearson Publisher

 


We Also Recommend