Ukufunda Kulula Grade 6: Imbewu yombona ekhethekileyo kaTumelo CAPS - (Reader)
LingoTumelo ohlala notata nodade wabo, uThandi. UTumelo wancama isikolo ukuze onge uyise ogulayo emva kokusweleka kukamama wakhe. Wayesenza umsebenzi wamakhwenkwe encedisa uyise ekhaya. Naye utata wakhe waye wasweleka kodwa yena waqhubeka nokulandela iimfundiso zikayise zokulima nokugcina ikhaya. Waphiwa imbewu yombona ekhethekileyo lixhegwazana eyayichuma kunene yakulinywa. Ilali iyahlokoma ngalo mntwana ulima kangaka. Umalume uvukelwa kukurhala ufuna ukuthatha umzi nako konke okungaphakathi kuwo kodwa iNkosi ixhaswa yilali ithi unotshe soze yenzeke loo nto. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend