Ukufunda Kulula Grade 5: UTsakane neengqwangaza (CAPS)(Reader)
UTsakane uza kohlala edolophini okokuqala ebomini bakhe enethemba lokuba ubomi basedolophini bunokuba bumnandi kakhulu. Ufika abe netshomi entsha enguThanda. Ngelishwa badibana neziqhwaga zasedolophini esikolweni nasedleleni eya esikolweni. Kulapho afunda khona ukuzimela, azilwele abe likroti. Waziphindisela naye kwiziqhwaga ezaye zibaphethe kakubi. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend