Eli bali lingoBongi inkwenkwana ehlakaniphileyo kakhulu. Wayethanda utatomkhulu wakhe kakhulu ingakumbi ibhatyi yakhe eyaye inevumba elikhethekileyo. Ubeziva ekhuseleke kakhulu xa ekunye notatomkhulu wakhe. Ubethanda ukubukela utatomkhulu wakhe xa elumeka umcinga wematshisi eza kutshaya inqawa yakhe. Naye alinge ukuwucima kanye njengotatomkhulu wakhe kodwa anqandwe ngutatomkhulu wakhe esithi usemncinane kakhulu. UBongi walumeka umlilo owanwenwa wonke ngokukhawuleza kwatsha. Kwafika utatomkhulu nabanye abantu bamngxolisa bakugqiba bacima umlilo lowo. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
|