Menu
Cart 0
Ukufunda Kulula Grade 5: UKoro woyisa uXaan ingonyama (CAPS)(Reader)

Ukufunda Kulula Grade 5: UKoro woyisa uXaan ingonyama (CAPS)(Reader)

  • R 117.00
  • Save R 28


Ibali lingodyakalashe ohlakaniphe kakhulu ohlala kumathafa aseKaroo eNkulu nosapho lwakhe. Ukuhlakanipha oku wakufundela kuyise. Kwakunqabe imvula, ngoko banqule kuKhwa umoya wamanzi ukuba anise imvula kodwa zange ine tu. Kwanqaba amanzi nokutya kuloo mathafa. UBhube uNgonyama wanesimbo sokutya amaxhoba abanjwe nguKoro nabanye yena angazingeli.

Yonke imihla xa bevela kuzingela bagoduka bediniwe kodwa inyamakazi abayibambileyo ityiwe nguNgonyama. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.

Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.

Pearson Publisher


We Also Recommend