Ukufunda Kulula Grade 5: UDA nekumkanikazi yamantombi amanzi (CAPS)(Reader)
Ibali lingoDa inkwenkwana ehlala nabantu bakowayo kunye nezihlobo zayo kufuphi nomlambo oyiCubango. Yindawo apho amadoda aphila ngokuloba, abafazi bachola-chola iinqoba neziqhamo. UDa wayenotatomkhulu osisilumko nodadewabo uTumi. Utatomkhulu wabalumkisa ukuba bobabini bangaze baye kuloba kwisiziba esinzulu esisegopheni lomlambo iCubango.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend