Ukufunda Kulula Grade 4: Umnqwazi katat'omkhulu (CAPS)(Reader)
Eli bali lingoJojo inkwenkwana. Wayemana egqaya amatye emthini, nto leyo emngxolisisa ngoyisemkhulu emlumkisa ngobungozi boko. Waba nomsindo uJojo ngoku. Weba umnqwazi kayisemkhulu wawuxhoma emthini, wagibisela wona. Waxhomeka emthini umnqwazi awothuleka de uJojo wakhwela emthini esoyika enjalo. Akakwazanga ukuwothula umnqwazi, de kwavela uMnumzana uSimithi efuna utat'omkhulu.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend