Ukufunda Kulula Grade 4: Uluvo! Bona, yiva, ngcamla, phatha unukise (CAPS)(Reader)
Kuchazwa ngeendidi ngeendidi zemizwa abantu abanayo equka owokubona, owokuva, owokungcamla, owokuphatha nowokunukisa. Udidi ngalunye lucazululwe ngokomsebenzi walo. Akuphelelanga apho, udidi olo luyachazwa kakuhle imvelaphi yalo ngokwamalungu omzimba emntwini. Iingxaki ezivelayo xa ilungu elo linxulumene nomzwa lowo lingasebenzi nazo zichatshazelwe kanobom. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
Pearson Publisher
We Also Recommend