Menu
Cart 0
Impela veki nomakhulu

Impela veki nomakhulu

  • R 28.46
  • Save R 3.54


Le ncwadi yamabali yezo zabaShicileli be-Ilima kuchungechunge lukaGreyidi R lweeNcwadi zamabali, lweeNcwadi eziNkulu, lwengqokelela yamaBali kunye neNcwadi kaTitshala, zonke zamkelwe liSebe lezeMfundo ukuze zifundwe zizo zonke izikolo. IiNcwadi zeembali kolu chungechunge ziqulunqelwe ezi mfuno zilandelayo zeNgxelo yeKharityhulam yeSizwe kunye neKharityhulam ehlangene neeNgxelo zoMgaqonkqubo wokuHlola.

Zonke iiNcwadi zamaBali olu chungechunge:
- Ziqulathe zonke iintlobo zamabali abanomdla kuwo abantwana
- Zinamabali abufaneleyo ubomi babantwana namava abawafumanayo kwiziganeko zemihla ngemihla
- Amabali akwezi ncwadi abantwana bangafunda lukhulu kuwo ngemiba eyahlukileyo, izifundo zimalunga nezinto zobomi
- Abafundi bafumana ithuba lokuzifundisa bekwazonwabisa ngezo mbali
- La mabali abenza baphaphame, bafumana ulwazi ngezandi, ngoonobumba, ngamagama nangezivakalisi
- Emabalini bafundiswa ngokwakheka kolwimi ngokubanzi

Ngokufunda le Ncwadi yamabali, nezinye iincwadi ezikulo uchungechunge lwamabali kaGreyidi R lwabaShicileli be-Ilima, abafundi bakuzuza isiseko esiluqilima ekufundeni, bakukhula bekuthanda oko kufunda.


We Also Recommend