Menu
Cart 0
Isichazi-magama seziBalo Sezikolo sase-Cambridge (IsiXhosa)

Isichazi-magama seziBalo Sezikolo sase-Cambridge (IsiXhosa)

  • R 238.00
  • Save R 52


Isichazi-magama seziBalo Sezikolo sase-Cambridge sisixhobo esiluncedo olukhulu kuye namphi na umfundi ukumncendisa ukuze aqonde ngokupheleleyo isigama esitsha afundiswa sona ngawo onke amaxesha kumagumbi ezibalo okanye imathemetika. Iinjongo zababhali, uZola Wababa, uKeith Welman (we-PRAESA) kunye noKaren Press ibi kukuphuhlisa isigama sezibalo esisetyenziswa kumaBanga omGangatho oPhakathi (Intermediate Phase) kunye nakumaBanga omGangatho oPhezulu (Senior Phase), lo nto beyenze ngendlela enika umdla, nebonakalisa isakhono sokwenzela lula abafundi ukuze baqonde amagama anika ingqigo.

Esi sichazi-magama siqulathe isigama namagama anika ingqiqo ali-1000 nasetyenziswa kwiMfundo esekelwe kwiziPhumo (Outcomes-based Curriculum), saza sabhalwa ngolwimi olungantshokothanga ukwenzela ukuba nabani na osisebenzisayo ephakathi kweminyaka eli-10 ukuya kweli-15 asifumane sifi keleleka yaye silula. Amagama acacisiwe kusetyenziswa imizekelo yoqobo yeli loMzantsi Afrika kukwa setyenziswa nemizobo ukunika umxholo kumagama athile, nokubethelela ukuqondwa kwamagama anika ingqiqo.


We Also Recommend